









BONA XHOSA -	1995 15
	
unempumelelo. Nangona engumntu osoloko eyolisa, uzimisele nokuzimisela ebomini. Uzuze iindebe ezininzi emdanisweni yaye unedeploma yaseWits Technikon kwizifundo zeFine Arts.
Ndisemncinane ndandingenalo
ixesha lokuyabula ezittratweni. Utata wayesoloko efuna kubekho into endiyenzayo ebambekayo. Wayendisa kwimiboniso endifundisa nokudanisa. Ndiyacinga Ukuba ndifana naye. Ndingumntu wabantu, ndinabalandeli kwaye  ndimbulela kakhulu ngako, konke andenzele kona.
Ndiyacinga ukuba nangoku baninzi abantwana beli  abanqwenela ukufana nam xa sele bekhulile; kwaye ngenxa yoko ndizinikele ekubaboniseni indlela.
IJam Alley yinkqubo entle  kwaye yenze ukuba isiphiwo sam ndisisebenzi ebantwaneni.
Xa engalungiseleli ukusasaza inkqubo yakhe estudio uhlala nabahlobo bakhe. Umhlobo wakhe osenyongweni nguBrenda Fassie. Ndiyacinga ukuba kukuqava kwethu. Sobabini siyabathanda abantwana kwaye siyathanda ukukhuphisana nabanye abantu. Ndiyalithanda nyani elo nenekazi. Lomelele kwaye nam lindifundise ukomelela!




UPAMELA Molose onama-30 eminyaka ubudala linenekazi elilodwa. Ngaphandle kobuhle nokukhangeleka kwakhe ngathi yimodeli, uNkzn. Molose ulinenekazi elikhaliphileyo - ungumntu owahlukileyo esike sambona oko kwathi gqi ubhubhani weAIDS. Akoyiki ukuxelela ihlabathi ukuba wasulelwa yiAIDS, waxelelwa ukuba uneHIV, nokuthi wayegula kakhulu yiyo Kodwa namhlanje wahlukene neso sifo kwaye wonwabile ebomini
bakhe.
Apha usixelela ngokwakhe into eyamehlelayo:
Xa ndandifunda eMonti ngo1992 ndahlaselwa sisifo esingaqhelekanga. Ndaqala ndeva into ehambayo ngaphakathi kum isuka esiswini iye esifubeni. Ndathi ndiphakathi kuviwo ndaziva ndinesiyezi ndityhafile. Ndalibala konke endandikufundile. Ndandingakwazi ukubamba nanye into ngengqondo.
Kuthe ngo-1 993 ndancipha emzimbeni ngendlela engathethekiyo. Ndoyisakala kukuwuminca umchamo. Ndandichama iilitha ezintlanu ngeeyure ezimbini. Ndandiqala ukuchama umchamo otshisa ngolo hlobo ebomini. Kwakubuhlungu!
Namathumbu am achaphazeleka - kwakhula iqhuma esiswini elalindenza ndibe ngathi ndikhulelwe! Andizange ndikuthande ukutya ndaphila ngokusela amanzi nezinye iziselo.
Ndandivuka ndibile ndimanzi, ngakumbi 	ebuusuku! Amehlo am
Ndaya esibhedlele. Emva vanywa kaninzi,
ukuthatyathwa kwegazi,
ndayalelwa ukuba ndibuye kwisithuba seveki.
Ndaya kwakhona emva kweveki, ugqirha wandibizela egumbini lakhe wandixelela ukuba ndineAIDS. Ngokothuka ndamphendula ndathi ndinayo. Wandixelela ukuba iziphumo zovavanyo lwegazi zithi ndinentsholongwane yeHIV kwaye iAIDS indihlasele ngamandla. Ndasitsho isikhalo. Abongikazi bandibizela kwelinye igumbi apho bandithuthuzela besithi mandikwamkele oko kuba asinyangeki esi sifo.
Ndagoduka ndityhafile ndalila de ndalala. Ndandithandaza ukuba kubekho ummangaliso ondinyangayo kuba ndandizibona ndimncinci kakhulu ukuba ndingafa.
Ngo-Juni ka-1994 kwabakho umntu ondinika iphephandaba IMVO elalinebali likaMprofethi Zinceba Mhambi. Isihloko sasifundeka ngolu hlobo:
UPamela akagqibeli ngokuba krele-krele nokub mhle kuphela -ukhaliphile (kwaye unokuphumelela lula ekubeni yimodeli). Bambalwa abantu abafana naye!
NDILINGQINA
LOKUBA LE NDODA
IYAYINYANGA I-AIDS!
- itsho imbelukazi
yasekoloni

Yathi inzwakazi eseze ngobuso elizweni yaseMdantsane (eMpuma Koloni) yakuxelelwa ngughirha esibhedlele ukuba inentsbolongwane yeHIV kwaye iblaselwe ngamandla sisifo seAIDS nesinganyanqekiyo, ythandazela ukuba kubekho ummangaliso oyisindisayo. Umthandazo wayo uphendulwe ngojuni ka-1994 ngokuthi ifunde kwiphepha-ndaba IMVO ngoMprofetbi uZinceba Mhambi waseMtata. UMIKE MTAKATI
uthethe nalo eMdantsane1 Kufote UGAVIN CRUTCHLEY



UPamela noMprofethi uZinceba Mhambi (kwezibomvu) - indoda emnyange sisfo seAIDS isebenzisa amanzi angcwele - 
UMprofethi uMhambi nenzwakazi  yaseMdantsanbe, uPamela Molose, ephethe imibhalo yasesibhedlele:
Ndifuna lazi ihlabathi lonke ukuba lukho unyango olungummangaliso lweAIDS


Owayesakuba lijoni laseTranskei uthi uyayinyanga iAIDS. Ndamfuna loo Mprofethi de ndamfumana kwakhe kwilali yakuKambi eMtata.
Ndafika emzini kaMprofethi uMhambi ndigula kwaye ndisecicini lokufa, wandihoya ngokukhawuleza. Ndandiphethe imbombozi yamanzi eziilitha ezingama-25. Wawasikelela loo manzi uMptofethi. Wathi akundithandazela ndayiva ingqondo yam ishukuma yaza yemka. Zithe zakubuya iingqondo zam wandixelela ukuba ndigoduke ndiwasele yonke imihla loo manzi de aphele. Wathi aza kundikhutyula ngaphakathi, wathi ndibuye akuphela.
Ndaphindela ekhaya eMdantsane ndasebenzisa la manzi angcwele. Kwiintsukwana ezingephi lanyamalala iqhuma esiswini ndachama umchamo omdaka ongathi umnyama. Ndaphinda ndanomdla wokutya.
Ndawasebenzisa amanzi, ndaza ndamangaliswa ziinguqu ezenzeka emzimbeni. Ndayeka ukuzichamela nokuzingcolisa ngelindle. Kwaba bhetele ukubila komzimba nokuba shushu komchamo. Ibala lam elaselingwevu, labuyela kwimeko eqhelekileyo.
Ngendlela endandivuya ngayo andizange ndiqaphele nokuba ubunzima bam bandile! XA ndandixilongelwa IAIDS kwabhalwa phantsi ubunzima bam
obabungama- 4Okg. Kwakungomhla we-18 kujulayi ka1994, UPamela utshilo esibonisa imibhalo yasesibhedlele. Akuphela amanzi ndaphinda esibhedlele ndiyoxilongwa ukuba ndisenayo na intsholongwane iHIV. Umhla yayingowe-6 kuNovemba ka-1 994.
Ngomhla we-1O kuNovemba ka1 994 ndanikwa iziphumo ezivela kwi-South African Institute for Medical Research (SAIMR) eziqinisekisa ukuba andinayo iHIV! Ubunzima bam obabuyi-4Okg basebuyi-47kg ngoku! Ndisempilweni kunakuqala ngoku kwaye ndomelele! Andiseli mayeza tu qha ndisebenzisa amanzi athandazelweyo kaMprofethi uMhambi!
Ndizimisele ukubuyela emsebenzini ngoku! Owona msebenzi ndiwubawelayo ngowokunceda abantu abaneAlDS ndibathuthuzele kuba nam ndiyayazi intlungu yokuba nesi sifo. Ndigqibe ekubeni ndilibalise ibali lam kuba ndiwakhathalele amaxhoba eAIDS kwaye ndifuna afumane uncedo endilufumeneyo! utshilo ngoncumo.
Sibuze uMprofethi uMhambi ngemvelaphi yakhe nokuba uwafumana phi amandla okunyanga.
Usiphendule wathi, Onke amandla ndiwafumana kuQamata, uThixo waseAfrika, ngokuxelelwa zizinyanya zam. Yonke into endiyenzayo ndiyixelelwa zizo. Ndandingawufuni umsebenzi wokunyanga - ndothuka kakhulu. Ndandisisajini kwiTranskei Defence Force, ndifundisa umculo, ndiculisa ibhendi kwaye ndiyi paratrooper. Ndandinako konke - idiploma kwezomculo yaseyunivesithi, i-Grade 6 Practical Piano ne- grade 8 Theory ndizifumana e- Poyal School for Music eLondon. Kodwa izinyanya zam zabona ukuba mazindinike amandla okunyanga abantu abagulayo.
Ndiyambulela uQamata ngokungandenzi ixhwele kuba ukomba amayeza kuyabiza kakhulu kwaye bendiza kunyanzeleka ukuba ndibahlawulise imali enkulu abaguli bam. Kulula ukunyanga abantu ngamanzi kuba afumaneka lula! utshilo uMprofethi uMhambi nonyanga imvumi yaseThekwini, uMadodaBruce Sosibo (Funda ibali likaBruce kumaphepha 26 nelama27).
UMprofethi uMhambi uceba ukuya ePakistan, eCuba naseMantla eAfrika apho aya kunceda khona abantu ngonyango lwakhe olumangalisayo.
Unokufunyanwa kwezi nombolo zitandelayo zomnxeba: (0471) 370-824.


22 BONA XHOSA - JuIy 1995

Inenkqubela ebomini inkwenkwana eyazalwa ingenazandla nangalo eneminyaka esi-7 egama linguMpho Chabalala. Ngokusebenzisa imilenze neenyawo zakhe uMpho wenza konke okunokwenziwa ngumntu onamalungu apheleleyo omzimba kwaye xa enokufakelelwa ikamva lakhe lingabukeka lincumisa njengalo nelayiphi na intanga yakhe enamalungu apheleleyo - oko kungenxa yokuzibandakanya koluntu lwaseMntla-Transvali
kubhale uWILLIE BOKALA kwafota UJACOB MOPAKE nabeMPHO TRUST FUND
Ukusela ngekomityi akuyongxaki kuMpho.





INEKAMVA  ELINCUM1SAYO INKWENKWANA ENGENANGALO




 OKU kwenzeka ekwindla ngo-1987 ngomhla wama-27 kuMatshi .phaya
kwilali yaseTshamahantsi
ngasePotgietesrus eMntla-Transvali. USara Chabalala owayeneminyaka
engama-21 ngoko wayesandul' ukuzala emzini kanina wakhe ekhanyise ikhandlela kuba kusebusuku. Etyhafile ediniwe walala apho engakholelwa kwaye ebhidekile. Emva kwemizuzwana wasitsho isikhalo. Usana oluyinkwenkwe olwalusecaleni kwakhe lwalungenangalo.
Awunakuba nawo umbono wendlela endandiyiyo. Ekuqaleni ndandicinga ukuba ukukhanya kwesibane kundibonisa mfiliba. Ndaphinda ndazixolisa ngelithi mhlawumbi kuba esandul'ukuzalwa lo mntwana iingalo ziyakuphinde zikhule. Kodwa ndalinda ndancama.

Ndaqonda ukuba uncedo lona ndiyalufuna. Ndandifuna abanye abantu abaza kundenza ndiyamkele into umntwana wam USara nomama wakhe bamthiya igama elithi Mpho lo mntwana elithetha isipho. Ngentsasa elandelayo ngentsimbi yesihlanu uSara waluthatha olu sana walusa kwisibhedlele iMokopane esiziikhilomithana
.ezimbalwa ukusuka kwilokishi yasePotgietersrus iMahwelereng. Kulapho uSara wayamkela khona into yokuba uMpho lo akanangalo nokuthi akukho zingcinga nambilini zizakuyitshintsha loo meko.
Ndakwamkela oko ukuba
kuyintando kaThixo, utshilo uSara. Zehla izibilini zikaSara ekupheleni
kuka-1987 akuthatyathwa uMpho ngabesebe lezeMpilo ngenjongo yokumkhulisa bamhlalisa kwisibhedlele iMokopane baza ethubeni bamsa eGarankuwa wada wafikelela ebudaleni bokuba ahambe isikolo.
uuqale ukuma ngeenyawo esibhedlele waza ngokuhamba kwexesha wahamba nokuhamba. Bamfundisa indlela yokusebenzisa iinyawo zakhe xa esitya naxa esenza ezinye izinto, utshilo uSara.
Olona ncedo lukhulu alufumeneyo uMpho loluvele kulo nyaka xa inkampani ephethwe ngabamnyama

kufana nabanye okanye uzakuhlala enjalo


	  utshilo  uSara










ejongene nezinto zokucoca nokuqeqesha ubume bendawo ifirechem iye yazibandakanya yavula ingxowa-mali eza kujongana nemfundo yakhe kwaye imzamele amalungu angenawo uMpho.
UMnu. Tom Boya, ongumlawuli-jikelele wakwaFirechem uthe: Siseke iMpho Chabalala Trust Fund ngoDisemba ngenjongo yokumlungiselela uMpho kwezinye izinto aza kuzifuna ingekokumzamela amalungu angenawo kuphela, koko nezinye izinto
- ezifana nokumsa esikolweni, ukumthengela impahla, ukumnceda kunyango lwakhe ngoku nakwixesha elizayo kunye nokunye aza kukufuna.
Kwakhona lengxowa ijongene nokwenza uMpho amelane nale meko akuyo. Le ngxowa-mali ivuleleke nakwabanye abanale ngxaki ifana nekaMpho.Into esiyiqapheleyo kule ngingqi kukuba abazali abanabatwana abakule meko bayabafihla. Ngoku kuxhomekeke eluntwini ukuba lubaveze abantwana abanale ngxaki ukuze baziwe, bancedwe kwaye bamkeleke. Ndibone malunga nama-30 abantwana abafana noMpho kwingingqi yakhe nje kuphela.
Ikomiti yeMpho Trust Fund ineengcaphephe ezinjengoogqirha, unontlalo-ntle, igqwetha, umnini-teksi, umfundisi kunye namalungu amabini asebenzela uluntu.
Ngokutsho kukaMnu. Boya le komiti
izimisele ukuqokelela ama-R250 000 nje kule ngingqi ngaphambi kokuba uphele lo nyaka ukuze uMpho afakelwe amalungu angenawo. Le ngxowa-mali sele ifumene amalizo angama-R17 000 neminikelo eli-R1 000 evaya kusapho lukaMpho.
Oku kwenze uMpho nosapho lwakhe lwaba neKrisimesi emnandi kunyaka ophelileyo. Samthengela impahla saluthengela ukutya usapho lwakhe.
UMpho wamkelwe kwisikolo iLetaba School for the Handicapped eGazankulu ekuqaleni konyaka ophelileyo kwaye uqhuba kakuhle apho nangona engakhange aqhubekeke nebanga elilandelayo ephinda elo ebelenza.
Ngokutsho kukanontlalo-ntle uLydia Mamabolo uyakwazi ukufunda kwaye bamlindele ukuba enze bhetele. Abantwana abafana naye baneengxaki. UMpho unamaxesha okungatyhileki yaye xa engathandi ukuthetha akukho nto unokumenza yona. Kodwa kufuneka wena ube nomonde ubakhuthaze abantwana abanjalo.
Ukhumbule iSebe lezeMpilo limthathe lamgcina kuba kunzima ukumkhulisa umntwana okule meko kaMpho ekhaya. Uzelwe lusapho olutsala nzima olunomakhulu omnye osebenza emakhitshini. Kuye kwafuneka ukuba simthathele kuthi nomama wakhe ongasebenziyo simnike umsebenzi wokucoca iiofisi zeNtlato-ntle eziseMahwelereng kwaye ngoku unalo igalelo elincinci ekukhulisweni komntwana wakhe nelabanye abantwana ababini abazala bengenasiphako.
Ngoncedo loluntu uMpho uza kuba nekamva eliqaqambileyo. Uza kuba nako ukuyamkela imeko yakhe ngokuya ekhula kwaye yeyona nto siyizamayo leyo. Siyazi ukuba zimbalwa izinto ezinokwenziwa ngumntu ongenangalo kodwa uyakuthi akufakelwa iingalo ezinguzenzele aqeqeshelwe ukuba akwazi ukuzisebenzela, utshilo uNkzn. Mamabolo.
Ngokutsho kukaGqirha Vusi Buthelezi, usekela-mlawuli wesebe lezeMpilo eMantla-Transvali nokwalilungu lekomiti yeTrust Fund, imeko kaMpho yenziwe yiPhocomelia - imeko ebangelwa kukusetyenziswa kwamayeza ngaphambi kokuba azale.
Umama wakhe wayesebenzisa amayeza esintu endaweni yonyango lwasesibhedlele ngethuba ekhulelwe kwaye sizama kangangoko sinako ukufumana ukuba nguwuphi lo mthi ebewusebenzisa. Iphocomelia yonakalisa ukukhula kwamalungu omzimba kumntana ongekazalwa.
Amalizo aya kwiMpho Chabalala Trust Fund angafakwa kwiTrust account yebhanki yasePerm ePietersburg enenombolo ethi: 5955 3714 001 04. 


18 BONA XHOSA - JuIy 1995

		BONA XHOSA - July 1995 19

